December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Yimi wonyo nemiwewe indlela yase Mhlahlane kwaye lusesichengeni uluntu!!!

Lena yilali yase Mhlahlane, ukanti wona lona ngumlambo onqumla kwezilali iQwaninga onebhulorho engumcangcatho, ongafunga umunce intupha ukuba, abantu ababesebenzisa lendlela bemnka ngo noquku kanti hayi baselapha ku Gatyana.

Yimi wonyo nemiwewe indlela yase Mhlahlane enqumla kumlambo iQwaninga xa uzibonela ngamehlo ungafunga uthi kukho inxiphula ka ganda-ganda ebisebenza apha kwintsuku ezingaphambili. Kanti dololo yingugo yendlela.

Unobalisa wethu uyibeke yalusizi lubethethelelwe emnqamlezweni imeko abajamelene nayo kulendawo ekwayicacisa nangemifanekiso eluthotho asibonise yona ebubungqina bamazwi akhe. Uthe “Abafundi balapha kuye kunyanzeleke bacangcathe kwezozantyalantyala zamanzi agqume lebhulorho ngexesha lemvula, nto leyo ebubungozi obuphindaphinde kalishumi kungenjalo baphele bejika bengayi ezikolweni ngenxa yokugcwala, kwaye noluntu ngobubanzi luchaphazeleka kanobomi luphele lungafikeleli ezidolphini nakwi ndawo ezinikezela ngenkonzo zoluntu. Bona abaqhubi bemoto kuyekufuneka ibe ngabantu abanobuchule bokuchwechwa becondoba ngezonqwelo mafutha zabo bekhetha indawo ezibhetele nezihambekayo kulo nogumbe wendlela”

(Abantwana bezama ukuwela ukuya esikolweni kumlambo Iqwaninga)

Ngethuba sibuza ngabasemagunyeni ukuba bayasazi na isimo salendlela kwaye banqwenala ukuthini kubo. Uphendule wathi “Iyaluchaphazela kakhulu uluntu lemeko kwaye bacela abo base magunyeni kwezorhulumento ukuba bangenelele ukunqanda unongekehli womhla ngengxaki”

“Kwaye sifumanise into yokuba abade babenayo impendulo esisenzo bathembisa nje abenzi kuye kumoshakala kwezimvula”

Balebele ngelithi silibeka kuni ithemba lethu, mhlawumbi xa kuthetha nina (Mbhashe FM) abasemagunyeni bakuvakalelwa. Hayi ke kwelocala nathi asazi

Lawo ngamazwi ka Nobalisa esichubela isikhwebu ngesimo sase Mhlahlane semeko yendlela kulandawo. Facebook