December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Kubhaqwe izinto zobututu eMpume ku Gatyana

Mpume – Kwingxelo esiyifumana kusasanje sithelwe tsuphe ngu Nokrawuzama ojoje elinqaku ukuba kumzi othile (igama silinkonyile) okwilali yase Mpume apha ku Gatyana, kuthe ngethuba umama wekhaya egqogqa ezama ukucoca umzi wakhe wafumanisa ukuba kukho izinto akrokrela ukuba zibiwe ezingezizo ezelikhaya. Ngethuba ezama ukuphanda wafumanisa ukuba zibiwe apha ekuhlaleni. Ezinye zezimpahla kuvakala ukuba zebiwe kwi lali engaphesheya yase Mthokwane nekukrokeleka ukuba zebiwe kumzi othile wase mathileni (isiduko sisifihlile) ngokutsho kwabarhanelwa. Kuvakala ukuba lihlatyiwe ikhwelo abantu balelali ingaphesheya basezokuzofanisa kwezompahla. Kodwa ngethuba sikrweca bucala omnye umhlali walemizi ithiwe khanqu ngesiduko yase Mthokwane, uthe “hayi besingekaqaphelinto thina kodwa izakufuna ukuba siyibazele amehlo sijonge nakwezizindlu zingahlali bantu zalapha ekhaya” Kwi mifanekiso eluthotho ethiwe thaca phambi kwe desika yethu yendaba kubonakala ubugoxo bentambo zombane, iglosari equka isuphu, ilayisi, imingqusho nefestile, ikiriva nengcingo zokubiya, iingubo, amacango kwakunye nomabona kude osicaba – (Plasma tv). Sidlene indlebe nomnye umthombo wendaba walapha ekuhlaleni wasithela tsuphe ukuba “lemigodlo yobututu ifunqulwe kwindawo yesehlo yayothiwa ntimfa komkhulu njengobungqina bobusela, kwaye kusalindwe namadoda elali engaphesheya khe azofanisa” utshilo. Ulebele ngelithi ubusela yinto esele ithande ukufuna ukukhula kulendawo. Elinqaku siliphokozelwe ngu Nokrawuzana ozinikeleyo kwinkqubela phambili yase kuhlaleni esithi kha nirhabul’ abulapha kodwa ningafinci bafana base Mbhashe.
Photo: Zithunyelwe