December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Kuhanjwe kucholwa impahla zendoda emnke namanzi eMthokwane, yona yabhaqwa ibhubhile

Photo of a place flooded. Overflow.

Ezingenayo ngalomzuzu kuvakala ukuba ngentsasa yanamhlanje kubhaqwe indoda ethile yelali yase Mthokwane (eLalini) ebinyamalele ngolwe Sine (igama silinkonyile). Ingxelo esiyinyengezelwe ngo Nokrawuzana abasemfuthweni wolwazi bachaza ukuba lendoda ibihambele imicimbi yelali phantsi kwevenkile yaku Nocwane beye ekwembeni nanjengoko isisiqhelo ukwenza njalo kumadoda elali. Ngethuba siphokozelwa ezindaba sive ukuba emva kokuba kugqityiwe umsebenzi wosuku apho phantsi kwe venkile baye banduluka ukugoduka behamba bebani ukubuyela eLalini kodwa ngenxa yokuba lendoda yesibini ibihamba ngonyawo lonwabu, uye wamshiya ugxa wakhe ngasemva. Kubaliswa ukuba abahlali bale lali yaphantsi kwevenkile babachazele ukuba edikeni kugcwele kodwa bathi bazokwenza amacebo okuwela. Unobalisa uthi lendoda yesibini iye yayokufika ekhaya kamva kodwa le ibikhokhela ayifikanga. Kusuku olulandelayo amadoda okuhlala ahlabe umkhosi eyokukhangela apho kurhaneleka ukuba inyamalele khona lendoda ebihambe kuqala. Kuvakala ukuba iziqhunyana ze plastic ebeziphethe ziye zahamba zibonwa kumzila womlambo, ngentseni yanamhlanje abahlali bafumene umzimba wakhe uthiwe tya ecaleni komlambo ngamanzi kude kufuphi nebhulorho yase Mthokwane phantsi kwakwa Gwebindlala itshoba sele lilele umbethe. Lendoda yindoda ethandwa kakhulu ngabahlali bale lali yakwa Dunga ngenxa yendlela elincoko neqhula elonwabisayo kwimicimbi nemisitho ebanjwa kulelali. Kuvakala ukuba amadoda ebesathe nqwadalala elindele abakurhulumento bemeko ezikumila kunje (forensic)
Kwelinye icala kuvakala ukuba amagosa ajongene nemeko zentlekele asathe bhazalala ekhangela imizimba yabo bebengakhange bafumaneke kwintlekele yemoto ethiwe xhwi lingongqongqo lamanzi ebehamba ngesantya esiphezulu kwi bhulorho yase Nqabarha phezolo nekuyi bhulorho elandelayo emva kwale yase Mthokwane. UNobalisa ulebele ngelithi lemoto ibisiya kwilali yaku Dayi esemantla kwelali yase Ngoma, ukwathe kukho amarhe namahlebezi, namanakani akhatshwa ngama ndum ndum okuba umqhubi walemoto ebekhe wagqitha ngakwi festile zakulo Viktoliya eyobuza impilo xabesithi ukuqwalasela bengabantu basemzini (eso sisityholo) eso sityholo thina silelijelo esingenokuzibophelela ncakasana kuso kubunyani baso. Batshilo

Indaba zenu – zindaba zethu utsho uzive usekhaya