December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Iqhube ngempumelelo i Ward 29 Tournament eNqabarha!!

Nqabarha – Bekukuhle kumbejembeje kumabala ebhola ekhatywayo eCraft Centre Sports Ground eNqabarha kwi dolophu yaku Gatyana phantsi ko Masipala wase Mbhashe ngethuba kubanjwe itumente yezemidlalo. Kulempelaveki sisuka kuyo, amaqela ebeshiyana ngotyefezo kushiyana omam’ ukondla kwi tumente ebizwa Ward 29 Tournament ebibanjwe iintsuku ezimbini zilandelelana ukusuka ngo Mgqibelo nange Cawa umhla wesi Hlanu nowe Sithandathu ephuma kwezi lali zilandelayo: Ntubeni, Mpume, Nondobo, Mthokwane, Ngqeza, Mayiji, Fubesi, Nqabarha, Mhlanga, Mevana naku Mdzonga. Ibiyibhola ekhatywayo nebhola yomnyazi. Amaqela afikelele kweyandulela eyamagqibela kankqoyi ngala alandelayo: Evelen Stars (Mhlanga) ibiqubisene ne Vultures (Mdzonga). Iphumelele iEleven Stars yaze yaqubisana ne TTM yase Mthokwane ebiku stand by ngenxa yenani lamaqela ebethathe inxaxheba kule tumente. Iphumelele kwindawo yokuqala iTTM yase Mthokwane, yathatha indawo yesibini iEleven Stars, ze yathatha indawo yesithathu i Vultures yase Mhlanga.

 

Ngokomlomo ka Ceba wakwa Ward 29 uMnumzana Manelisi Nxusani uwuncomile kakhulu umgangatho nomdla oboniswe ngawo onke amaqela athathe inxaxheba kule midlalo, Watsho esithi imidlalo ekumila kunje yinto efuneka ithe gqolo ukubanjwa kule ward njengenxalenye yokukhuthaza uphuhliso, nokusiphula nengcambu izinto ezigwenxa ezenzeka ekuhlaleni ngenxa yokungabikho kwento yokwenza kulutsha. Ukwabulele ngokungazenzisiyo nakuluntu oluthathe inxaxheba luzokuxhasa lemidlalo.
Kulemidlalo bekukho noluntu ebeluzithengisela izintoyinto, amaqebengwana nezimungumenye. Ngethuba sithetha no sibonda wakwa Dunga uBawo uSithela obekho buqu kulemidlalo uthe “Intle kakhulu into endiyibonileyo kulamabala, yanga ababafana bangaqhubekeka nalento bayiqalileyo bangayiyeki”

eMbhashe FM imidlalo yinto yethu – Zive usekhaya