December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Usuku lwehlabathi lomgada – Impilo enye, Akukho ukufa’

Johannesburg, 21 Septemba 2022: Akukho kuchitha xesha kuba umgada uthatha ubomi kwaye uneziphumo ezimbi kuluntu lwethu, izihlobo, iintsapho, kunye nezilwanyana zethu zasekhaya esizithandayo. Kulo nyaka, ngomhla wama-28 kweyoMsintsi, uMzantsi Afrika uza kuzimanya nehlabathi liphela ekukhumbuleni olusuku lweHlabathi lomGada oluzisa ulwazi oluthe vetshe ngesisifo esithe gqolo ukubulala kwihlabathi jikelele esingajongwanga ngokwaneleyo naso, amaxesha amaninzi ngenxa yokungazi okanye ukungakhathali. Umgada uyabulala. Nangona kunjalo singawoyisa umgada ngokuthatha amanyathelo okhuseleko ayimfuneko nangokuhlala siwuqonda.

Kulo nyaka i-GARC (i-Global Alliance for Control Rabies) igxininisa umxholo othi “UmGada: Impilo Enye, Akukho Kufa”. Umbono “weMpilo enye” ubaluleke kakhulu kuba ugxininisa ukuba, njengoko kubonisiwe ngubhubhani we-COVID-19, impilo yabantu, izilwanyana, kunye nokusingqongileyo zonke zinxibelelene ngokungenakwahlulwa kwaye enye ixhomekeke kwenye. Kungendlela ebandakanyayo yentsebenziswano kunye nokuthatha inxaxheba kuwo onke amacandelo anxulumeneyo kuphela apho lobhubhane angapheliswa.

Umbono othi “akukho kufa” unxulumene nenyani eyaziwayo kakhulu yokuba uninzi lokufa kwabantu ngenxa yomgada kubangelwa kukosuleleka kwizinja ezinomgada, kwaye usulelo lunokuthintelwa ngokugonywa kwezinja (kunye neekati) kunye nokunyanga abantu ngoko nangoko emva kokulunywa sisilwanyana ekurhaneleka ukuba sinomgada.

Ngokusebenzisa indlela edibeneyo kunye nomzamo olungelelaniswe kakuhle, ekujoliswe kuko kwihlabathi jikelele kumiselwe njengoku: “Zero ngo-30: isicwangciso-qhinga sehlabathi jikelele sokuphelisa ukusweleka kwabantu ngenxa yomgada okubangelwa zizinja ngowama-2030”.

Umgada sisifo sabantu kunye nezilwanyana, okuthetha ukuba abantu banokosulelwa sisilwanyana esosulelekileyo. Intsholongwane ibasematheni kwaye isasazeka kakhulu ngokulunywa, ukukrwela okanye ukukhothwa sisilwanyana esosulelekileyo. Umgada uchaphazela ingqondo kwaye uyabulala xa umntu okanye isilwanyana sibonise iimpawu zesifo. Izilwanyana ezosulelwe ngumgada zibonisa utshintsho kwindlela yokuziphatha kunye neempawu zokuvakalelwa kwemithambo. Zinovuza amathe amaninzi, zikhubazeke, zingakwazi ukuginya, ziqhubeke zikhala, kwaye zibe ndlongondlongo okanye zingavakalelwa.

Ukuba umntu ulunywe sisilwanyana kwaye kukho isizathu sokukrokrela ukuba sinokuba nomgada ngenxa yendlela esiziphethe ngayo kunye nembali yesilwanyana (umzekelo, asigonywanga), kufuneka umntu ahlambe inxeba kakuhle ngesepha kunye namanzi ahambayo ubuncinane imizuzu eli-10 kwaye ngokukhawuleza afune unyango (unyango lothintelo lomgada luya kubandakanya uluhlu lwezitofu zokugonya umgada kunye ne-immunoglobulin etofwe enxebeni ukuba isikhumba siye sakrazuka). Amaxhoba okulunywa asenokufumana i-immunoglobulin ukuya kuthi ga kwiintsuku ezisixhenxe emva konyango lokuqala, nangona kufuneka isetyenziswe ngokukhawuleza. Abanini bezilwanyana ezifuywayo kufuneka bakhumbule ukuba ayizizo izinja ezilahlekileyo kuphela ezinokosulelwa ngumgada, kodwa ukuba umgada unokudluliselwa kwizilwanyana zasekhaya ezingagonywanga ngamathe, hayi nje ngokuluma kuphela.

Nangona umgada ugquba kulo lonke elaseMzantsi Afrika, uqhambuko lomgada wezinja luxhaphakile eLimpopo, eMpumalanga, KwaZulu-Natal, eMpuma Koloni nakwimida yaseFreystata – kumda waseLesotho (njengoko kubonisiwe ngasentla).

Kuqikelelwa ukuba le ntsholongwane yoyikekayo ibulala ubuncinane umntu omnye kwimizuzu elithoba ehlabathini lonke. Bangaphezu kwama-59 000 abantu ababulawa ngumgada nyaka ngamnye kwaye malunga ne-95% yokusweleka kwenzeka e-Afrika nase-Asia, ngokutsho kwe World Organisation for Animal Health. Kubaluleke kakhulu ukuba bonke abanikazi bezilwanyana zasekhaya bagome izinja kunye neekati zabo ukukhusela abantu kunye nezilwanyana kwesi sifo.

Umyalezo ongundoqo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, abasuka kuzo zonke iinkalo zobomi, kukugonya izilwanyana zabo zasekhaya (imfuneko esemthethweni)– alikadluli ixesha lokugonywa. Ugonyo lokuqala lomgada lunikezelwa kwiiveki ezili-12 (iinyanga ezintathu) ubudala, lulandelwa lugonyo oluphindayo phakathi kwenyanga enye kunye ne-12 kamva. Emva koko, ugonyo oluphindayo luyafuneka rhoqo emva kweminyaka emithathu. Kwiindawo ezinomngcipheko oluphezulu, ukugonywa ngonyaka kukhuthazwa kakhulu.

Masimanyane nehlabathi liphela ukuze sithintele esi sifo sibi ngeMpilo enye kunye nokungasweleki, xa silungiselela uSuku lweHlabathi lomGada nangaphaya