December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Kukh’ onontwayibonwa abaqwayiza ngobusuku befuna imikhono yee kati eFubesi!!

Kukho ingxelo ethe ndii okwebubu lenyosi zihlangula nesiyithelwe tshuphe ngu Nokrawuzana wethu ongumthombo wendaba othembekileyo, ukuba kwilali yase Fubesi, nase Mhlanga eziphantsi kuka ward 29 ku Masipala wase Mbhashe, kukho onontwayibonwa nabaqwayiza ngobusuku bezenza abantu bomthetho bengenela imizi ethile. Ngokwengxelo esiyifumeneyo kutyholwa ngelokuba, aba nontwayibonwa bajonge kakhulu imizi enemikhono yekati (ivolovolo), nalapho bazama kangangoko ukuba bayithathele ngakubo. Ngethuba sithe wambu ilema zethu singonondaba belijelo silandela elinqaku, sifumanise ukuba kwikhasi lonxibelelwano lomnye womhlali walendawo bekusisanxwe kushukuxwa lomncimbi wonontwayibonwa abagqugqisayo kwilali zaku Gatyana ingakumbi phantsi kuka ward 29 nokungakhuseleki koluntu ezilalini kutshanje.
Lomhlali walendawo kwikhasi lakhe ubhale wathi “Good people sanuvula ebusuku noba senibona uniform yamaPolisa sanuvula kunabantu abahamba bezenza amaPolisa bengoTsotsi bathatha imipu (guns) zabantu bafike bazenze amaPolisa, so Willowvale people sanuwavulela noba ngawo noba ayingawo sanuvula ngoku kubi kubi eFubesi bafikile naseMhlanga bayiCleaner imipu yabantu meaning bayithathile, xa beyoReport abantu kusasa besithi bekufike amaPolisa kuthiwa ePolice station ngoTsotsi abo so guys ndiyacebisa oTata bethu noMama bethu they are not safe ezilalini ngumntu owaziwayo lona uzanababantu”
Lawo ngamazwi omnye womhlali evakalisa isilumnkiso kuluntu. Zingene zigxalathelana iimpendulo okwe nkomo zingena ediphini abantu behlomla abanye bebalisa ngabazibonelayo mhla kwakufike abanontwayibonwa baqwayiza ngobusuku kwezilali. Omnye umhlali ubhale wathi “Akhe afika ekhaya ngo2020 ngo 00:00 ebusuku emahlanu athi Vula …………………. (silifihlile) hayibo igama eli lam balazephi ndavula ndaphola apha ntloko phofu ndim omdala okhoyo kwatha mandikhombe ihlalaph?i ndithi into kuthwe I gun ndithi andiyazi bakhangela bephakamisa yonke indawo bahamba bengafumenanga nto kuthwa chii sibhanxiwe moc”
Omnye ubhale wathi “Last year ngo January ndikhe ndafikelwa nam phe ekhaya kufunwa umpu qha ndancedwa ngu Mama and iyathathwa isefu yakho ukuba uthi awukwazu yivula bahamba nayo”
Ngethuba sikrobe nge festile simamele ingxoxo kwelikhasi kuvakala ukuba uluntu lunawo amanakani ngomhlabi mkhosi wonontwayibonwa. Khange sithethe nabasemagunyeni ukuva uluvo lwabo malunga nonontwayibonwa abaqwayiza ngobusuku ngethuba sibhala elinqaku.
Elinqaku silithunyelelwe ngu Nokrawuzana othembekileyo ze salilandela.