April 30, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

“Ayinginyisi mathe indlela esuka ku Njilo ukuya ku Mfula”

1 min read
Singo Nokrawuzana belijelo sithelwa tsuphe bucala ngumhlali ngesimo ekuvakala ukuba noko asiginyisi mathe ngesimo sendlela kwilali yabo. Lo Nokrawuzana othembekileyo usibhalele watyatyadula wenjenje:
“Sicela uncedo ku DRO8466 le ndlela ayisahambeki ziindonga, yagqityelwa ulungiswa ngo 2004, ayikrwelwa ayenziwa kwanto abantu abasebenzisa le ndlela bayasokola kakhulu, kudala sicela ko ceba abasihoyi nenkosi zaku Mfula kudala zibhalela uMayor besiya nakwa works abafumani ncedo.
Le ndlela isuka ku Njilo iwelele ku Mfula neziphaluka…Ibhasi esuka eLukhozana eya ku Gatyana ayisahambi ngenxa yobubi bale ndlela, abahlali kufuneka bayoqabela eDutywa xa besiya ku Gatyana nto leyo ebatyabula kanobom epokothweni, sicela uncedo olukhawulezileyo ngoba kwakule ndlela ingahoyekanga kukho neblorho encinci eyabulala abantu nge bus kunye nestallion…kanti kufuneka kude kude abantu abangaphi ze sihoywe kulo masipala wethu..xa uyofuna uncedo uyantantiswa ukhonjwe ngapha nangapha. Siyakhala kubuhlungu sicela uhoyo olukhawulezileyo”
Lo mhlali ubhale watyibela watsho edakanca isimo abajamelene naso kweza lali zikhankanyiweyo ngasentla.
Source: Mhlali