May 1, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

Iqhube nge mpumelelo i Mayors Cup ku Masipala wase Mbhashe

1 min read

Dutywa – Imidlalo yamagqibela kankqoyi yendebe ka Sodolophu iqhutywe ngempumelelo kule mpelaveki. Oompondo zihlanjiwe abazibambele indawo yokuqala kulomdlalo nguSodolophu uCeba Samkelo Janda ekunye nabaxhasi, nooCeba:
Liqela lebhola lakwa wadi 24 kuGatyana, zintshatsheli eziye zawongwa nalapho bezifumanele indebe, ixabiso lamakhulu eerandi(R1000), Ikiti kunye nebhola.
Iqela lebhola yomnyazi lakwa wadi 32, eXhorha nalo ngokunjalo lizeke mzekweni lawongwa ngezipho ezifanayo nezo zeleqa lebhola ekhatywayo kwindawo yokuqala.
Abazibambele indawo yesibini kwibhola ekhatywayo ngu wadi 12, yaze yaba ngu wadi 27 kwibhola yomnyazi. Nabo bawongwe nge ndebe, ikiti, kwakunye nebhola.
Amaqela athathe inxaxheba kwimidlalo yokugqibela nawo awahambanga nalize kuba azifumanele ikiti kunye nebhola.
Phambi kokuba imidlalo iqale, uSodolophu wamnkele uluntu kwibala lezemidlalo eNgxakaxha eDutywa. Unikeze amazwi obulumko kubadlali nalapho ebalule ukuthi imidlalo inendima enkulu ekwakheni umntwana kwaye isusa nolwaphulomthetho ekuhlaleni.
USodolophu udlulise umbulelo ongazenzisiyo kubaxhasi balemidlalo; iqela leBush Bucks elikhokhelwa ngu Mnu. Ray Mpekula, Discovery ka Mnu. Graham Andrews, Vodacom, i-ABSA bank kunye nabaququzeleli ngokudlala indima enkulu ukuphumeza lemidlalo.
UXola Sitela, unompempe owaziwayyo osele ephuhlile nophume izandla odlalisa imidlalo ekwinqanaba elingentla, nosuka kummandla waseMbhashe ugqithise amazwi enkuthazo kubadlali ebalula ukubaluleka kwayo.
USomlomo uCeba Babalwa Majavu kunye noCeba bebhubga baloMasipala bayizimasile lemidlalo. Uluntu nalo lubonakalise inkxaso engathethekiyo. Oku kubonakalise ubumbano phakathi koluntu nanjengoko kubhiyozelwa ubuAfrika kulenyanga.
Oku kungasentla sikubaliselwe likhasi lika masipala wase Mbhashe ngokuqhubeke emabaleni ase Ngxakaxha eDutywa kule mpeleveki.