May 17, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Iyaqhuba nakulonyaka iTenza Music Festival ku Gatyana

1 min read
Nakulo nyaka uyaqhuba umdlalo wabaculi, i Tenza Music Festival. Eli liphulo elenziwa yiTenza Beach Initiatives ukuphucula amathuba avela ngezokhenketho logama ukhuthaza unika ithuba kubaculi abasakhulayo ukuze babonise izakhono zabo.
Lo msebenzi wenziwa ngenkxaso yoMasipala waseMbhashe ubambisene nesebelemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni, abakwaNedbank namaqonga abaculi eMbhashe.
Umcimbi ungeCawe 18 December 2022, uyaqala ngo11. Umasipala waseMbhashe uzobe umelwe nguClr Mgedezi onguPortfolio Head kwaPlanning and Development.
Phakathi kwethu kobe kukho igqala kumculo kaMasikhandi, uKhethabahle oyinzalelwane yaseBholotwa eDutywa ezokhuthaza imvumi zethu.
Master Dee noUbiza Wethu zimvumi ezizondwendwela lo mcimbi ukuzokwabelane ngeqonga nabaculi bethu.
Njengoko benizinike inkxaso ezimvumi xa bezicela nizivotele, ziyanimema nizokonwaba nazo ngale mini inkulu kuzo.
Kulo mcimbi kungenwa mahala, abathengisi bonke bamkelekile.
Yonke imibuzo ku:
Silulami Ndinisa
Cell 0828945772
Egameni le
TENZA BEACH INITIATIVES
Ngokosiba luka Ceba wakwa ward 22: Mnumzana Ndinisa