May 17, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Izenzela udumo kweze midlalo inzalelwane yase Ngadla, eNtshona Koloni – uKhwezi!!!

2 min read

Gatyana – UKhwezi Mfazweni – (26 yeminyaka) lityendyana lomfana osaze ngobuso hayi elizweni kuphela koko nakwezemidlalo, oyinzalelwane yase Lalini, kwa Nompha kwisithili sase Ngadla ku Gatyana apha kulo Masipala wase Mbhashe. Le dyongwana yakwa Mfazweni ikhulele eNgadla ejamelene nayo yonke imicelimngeni eye ijamelane nabafana abasakhulayo bekhulela ezilalini, kodwa lonto akhange ayivumele ukuba ime phambi kwe mpumelelo neminqweno yakhe yokukhula. UKhwezi ukufika kwakhe kwele Ntshona Kapa (Stellenbosch) wafika exwaye emagxeni ujusaka webhegi egcwele yimiqweno yempumelelo, kodwa zange kubelula ukuphumelelisa konke oko. uMtshana nanjengoko simbiza silelijelo uzivavanye zonke inkalo ebeneminqweno yokuziphumelelisa ukufika kwakhe eKapa, singabala ukucula i gospile, ukuba ngumsasazi ka nomathotholo kwizikhululo zasekuhlaleni, ukusasaza kwi TV (CTV Channel 263) nokuba ngumdlali webhola ekhatywayo.

Kungokunje loka Mfazweni ungumseki/ungumqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo elibizwa Warriors Soccer Academy nalapho kuphuhliswa kuveliswe abadlali bebhola abase batsha. Amagorha nanjengo eliqela lisaziwa kwi bhola ekhatywayo eKayamandi linezigaba ezohlukileyo zabadlali ukusuka kwabangaphantsi kuka 11, 13, 15, 17 kwakunye noxholovane, kwaye kunyaka ozayo lizakuvula neqela lamantombazana utshilo usihlalo we Warriors Soccer Academy uMnumzana Monde Mpompo yena oyinzalelwane yase Qonce. Uqhube wathi oku kubonakala kusenzeka ngephanyazo kuba eliqela lineminyaka nje emibini lasekwayo kodwa sele lenze ezibukwayo. Ngethuba ekhankanya impumelo yeli qela ubale iindebe asele bezifake engxoweni, ukunyuselwa kweqela labo kwinqwanqwa elingasentla ukuze lidlale kwi league engasentla, kwakunye nokuba nomdlali osele echongwe liqela iStellenbosch FC kwabaselulala nabanye abasoloko befumana ithuba lokuzilolonga naba mpondozihlanjiwe kwi PSL.

Kule mpelaveki siphuma kuyo Amagorha ebewonga bonke abadlali bawo ngendima abayidlalileyo ekukhuliseni eliqela. Iholo lase Kayamandi Taxi Rank beligcwele limingembambo abazali bezokuzibonela okwenziwa ngabantwana babo kwezemidlalo.

Unokrawuzana wesikhululo ubekhona kulo msitho njenge njoli yosuku/MC

 

Ukuzibonela nokulandela imisebenzi ye Warriors Soccer Academy ungathi ubalandele kuFacebook nakwi website yabo: https://www.facebook.com/Morningstarssocceracadeny

http://warriorssocceracademy.co.za/