May 17, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Izakubanjelwa eNqabarha Junior i World Aids day Build up Campaign

1 min read
ISAZISO
Nqabarha – Abaququzeleli be World Aids Day – Build Up Campaign emva kokuba behleli phantsi beqolozelene bechuba isikhwebu ngolusuku baye bafikelela esigqibeni sokuba indawo ebekuzakubanjelwa kuyo lomsitho itshintshwe. Ngokompoposho ebesiwukhuphile ngaphambili, olusuku beluzakubanjelwa kwisikolo samabanga aphantsi saku Ngqeza. Ngethuba sithetha no Ceba wakwa ward 29 uMnumzana Manelisi Nxusana kusasanje uthe “Ngenxa yokucingela uluntu kwi meko ye transport siyayijika le venue yaku Ngqeza siya eNqabarha Junior apho kuzokuba yi centre ye ward khonukuze lonke uluntu lufikelele, kodwa yonke into isame ngokwezicwangciso, njengoko bekupapashiwe ngaphambili” Utyibele watsho ngethuba ethetha no Nokrawuzana bethu:
Word Aids Day – Build Up Campaign
Indawo: Nqabarha Junior
Ixesha : 08:00 till late
Ngenkcukacha ungabatsalela kwezi nombolo: 063 113 0370 Mnu Nxusani/ 060 658 6159 Mam’ uSiko