May 17, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Up Close and Personal with: Delel’ umthakathi

2 min read

Yazi ngcono uDelel’umthakathi – Umasipala wase Mbhashe utyebile kwaye unesakhono sokuvelisa ompondozihlanjiwe kwezomculo, Kutshanje silel’ijelo sikhe sahlala phantsi sidlana indlebe nemvumi eze ngobuso kumculo ka maskandi uPhumlani Nogaga nowaziwa njengo Delel’umthakathi noyinzalelwane yalapha ku Gatyana phezu kwe Dwesa, kwilali yase Ntubeni nalapho sichube khona isikhwebu sifuna ukumazi ngcono. Usibalisele ukuba ungubani waphi, kwaye waqala nini ukuba yimvumi. Ingxoxo yethu iqhube yathi.

 

Mbhashe FM: Siyayiqonda ukuba uzalelwe apha ku Masipala wase Mbhashe, uzalelwe ndawoni kany’ aph’ eMbhashe?

Answer: Ndizalelwe ku Gatyane kwilali yase Ntubeni

 

Mbhashe FM: Wazibona nini ukuba unal’ uthando lomculo?

Answer: Kwasekukhuleni kwam bendicula esikolweni nase caweni.

 

Mbhashe FM: Lafezekiseka nini iphupho lakho lokuba ngumculi? Likhona icwecwe onalo?

Answer: Lifezeke ngo 2021 xandikhupha icwecwe lam lokuqala elithi Vuleka Mhlaba.

 

Mbhashe FM: Ngubani oyena mntu ujonge kuye njengomzekelo apha emculweni?

Answer: Ndikhule ndithanda kakhulu uMfaz’omnyama

 

Mbhashe FM: Ungathanda ukusebenzisana nabani kwilixa elizayo apha emculweni wakho?

Answer: Ndingathanda ukusebenzisana no Mfaz’onenkani

 

Mbhashe FM: Iimvumi ezininzi ezisakhulayo ziyathanda ukuphelela kwizi yobisi liphele litshabalala iphupho labo. Wena uzimisele ukumelana njani nalo micelimngeni uhlale womelele kwiphupho lakho lomculo?

Answer: Ukuzikhwebula kwiziyobisi kukuhlala endleleni yam yomculo intlangano ezingendawo ndingazingeni.

 

Mbhashe FM: Ukhe wahlangabezana nemicelimngeni apha endleleni yakho. Yeyiphi lomicelimngeni? Udlule njani kuyo?

Answer: Ewe, kukuba ndibizwe endaweni ukuba ndiyocula khona kufumaniseke abana system and nam andinayo kuphele ndingayi ngalondlela, kuba nemali yoyiqasha andinayo ngenxayentswela ngqesho eMzantsi Afrika.

 

Mbhashe FM: Sesiphi isixhobo somculo okwaziyo ukusidlala?

Answer: Kukudla iguitar

 

Mbhashe FM: Kwabo basanqwenela ukuba zimvumi bajonge kuwe,ngawaphi amazwi obulumnko ongathi uwaphose kubo ukuze bangagilani nezinto osele ugilene nazo aph’ endleni?

Answer: Ndingacebisa ndithi mabazikhwebule etywaleni kuba umculo ufuna imali kwaye notywala kufuna imali.

 

Mbhashe FM: Masibambe ngazo zozibini ngexesha lakho Delel’umthakathi.

Answer: Ndiyabulela kakhulu ku Mbhashe FM

https://www.facebook.com/profile.php?id=100077927713654

THE END!!!!!