April 20, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

Kuqhambuke umlo phakathi kwabafundi eNqabarha High!!

1 min read

Gatyana – Zisanqunyanyisiwe izifundo okwethutyana kwisikolo samabanga aphakamileyo iNqabarha JSS ku Gatyana kude kubengomvulo weveki ezayo. Oku kuza emva kokuba kuqhambuke umlo phakathi kwabafundi besisikolo ngo Lwesibini. Ingxelo esiyibaliselwe ngozibonele ngamehlo nongumfundi kwesisikolo, ibika ukuba abafundi belali yase Mhlanga bencediswa ngabase Mpume bangquzulene kwakunye nabafundi belali yase Ntubeni bona bencediswa ngabase Ngwane. Isizathu salo dulubhentsu wababafundi kubikwa ukuba ngunobenani wokungavisisani ngomnqwazi, kutyholwa ukuba ibengoyena nobangela wokuqhambuka komlo wababafundi ebebejiwuzisa iintonga zokudlala igalufa, amabhunguza, iimvubu namaplanga. Ingxelo esiyibikelweyo ithi bakhona abafumene ukonzakala kulo miheshuzo.

Abazali abakufutshane nesikolo, kwanabo bajongene nokubamba ucwangco kulengingqi kuchazwa ukuba bazamile ukungenelela bezama ukulamla kwade kwafika amapolisa kamva. Nabo abafundisi ntsapho bazamile ukuhesha lomshologu kumasango esikolo.  Ngomvulo weveki ezayo abafundi, abazali kwakunye namapolisa bazakube bedibene esikolweni sase Nqabarha ukuzama ukufumana ichiza nesisombululo salembambano.