Skip to content

0813353343

mbhashefm@gmail.com

  • Home
  • The Station
    • About Us
    • Positions
  • On Air
    • Advertise
    • Music
  • News
  • Donate
    • Adopt A Part
  • Contact us
  • Home
  • The Station
    • About Us
    • Positions
  • On Air
    • Advertise
    • Music
  • News
  • Donate
    • Adopt A Part
  • Contact us

Isisibhadubhadu eGqeberha indoda yaku Nkxakxashe ifun’ uncedo

  1.   »  
  2. Isisibhadubhadu eGqeberha indoda yaku Nkxakxashe ifun’ uncedo

Isisibhadubhadu eGqeberha indoda yaku Nkxakxashe ifun’ uncedo

November 11, 2021 adminLocal news

Gatyana – Indoda eyinzalelwane yaku Nkxankxashe ku Gatyana nezichaze njengo Lindile Mbonani, uKrila usisibhadubhadu e”main street” kwi dolophu yase Gqeberha. Sileli jelo ngokwengxelo esiyithelwe tshuphe ngu Mgcaleka omhle owaziwa njengo Zanendyebo osele ezindze kwidolophu yase Gqeberha utyatyadule wathi. “Ngethuba ndimbuza ukuba indoda ngumni, waphi? uphendule ngelithi ungu Krila,uThangana, uLindile Mbonani waku Nkxankxashe ku Gatyana kodwa ngoku akanabani uhla esenyuka kwizitalato zase Bhayi ngenxa yokuxakwa ngamaqhinga namacebo okuphila apho kwelasemzini” UZanendyebo uqhube wathi lendoda wenze isivumelwano nayo ukuba basoloko bedibana kule kona yase main street ukuze abane eyiphathela izintoyinto ezisiwa phantsi kwempumlo ngethuba esazama ukuyinxibelelanisa no sapholwayo.
Kuyacelwa usapho okanye nabani onokuthi abenamanakani okanye abe kanti uyamazi uLindile Mbonani, uKrila, uThangana waku Nkxankxashe akrwece uZanendyebo kulenombolo ilandelayo ukuze bazame ukuqhawula amatyathanga obunzima emagxeni ka Lindile osele eyabula kwizitalato zase Gqeberha.
Zanendyebo : 071 716 7455

Read More

Post navigation

Previous: “iDolophu yaku Gatyana kulapho afela khona amaphulo ka rhulumente”
Next: Intlanganiso yebhunga elitsha ihlehlisiw’ eMbhashe

PLEDGE A CONTRIBUTION! CLICK DONATE NOW ON TOP TO SUPPORT OUR STATION....MBHASHE FM - ZIVE USEKHAYA

LIVE ON AIR

RCAST.NET
RCAST.NET
Proudly powered by WordPress | Theme: sharksdesign by reviewexchanger.