April 18, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

“iDolophu yaku Gatyana kulapho afela khona amaphulo ka rhulumente”

1 min read

Gatyana – Lo ungasentla ngu mbhalo obhalwe liphephandaba i Ground Up libalisa ngamaphulo ka rhulumente afe amanqe kwi dolophu yaku Gatyana. Kulomhlathi eliphephandaba ligxile ku ward 21 phantsi ko Masipala wase Mbhashe, nalapho libalisa ngezikolo ezitshabalalayo ezazokhiwe kwiminyaka yo 1980, esitsha esinendonga ezingagqitywanga nalapho unokhontilakha wawushiya phakathi umsebenzi wakhe kwiminyaka emithathu edlulileyo, liqhuba licacisa ukuba iimpopo zamanzi zikhala umoya kuqikelelwa ukuba yiminyaka esele ifika kwisithandathu besela lo moya abantu base Lurhwayizo, kungenjalo babelane nezilwanyana esosicheku sifumaneke ngenxa ye mvula. Indlela kuchwazwa ukuba ayihambeki xa kuye kwakho imvula ezingamandla. Ukanti uluntu lwase Lurhwayizo lukhe lwangu ndaba mlonyeni kutshanje emva kokuba bankazatha bedibanisa isentanyana abanazo baze bazokhela iziko lezempilo ekuhlaleni.
UNkosana Tomtala ominyaka engamashumi asixhenxe anesithathu – 73 ngethuba ethetha nabakwa Ground Up uthe “ibuhlungu kakhulu into yokuba xa sifuna izinto kufuneka siqale siqhankqalaze kungenjalo sizenzele ngokwethu, kude kungabikho mahluko nokuba sele sizenzele kuba uphida afede urhulumente ukuncedisa kule sele siyenzile” utshilo ngethuba ethetha nentatheli ye Ground Up.
Isithethi phantsi ko Masipala wesithili, i Amathole umama UNonceba Madikizela-Vuso ukungqinile kwi Ground Up ukuba oko impompo zazikhala umoya ukusuka ngonyaka ka 2015 bengumasipala zange bakwazi ukunikezekela ngeenkonzo zamanzi kuluntu lwale ndawo.

UFahil Chetty wenkampani i Highpana Projects uthe bayishiya indawo ebebesebenza kuyo ngenxa yokuba iSebe lezeMfundo eMpuma Kapa zange libahlawule. Isithethi se Sebe leze Mfundo uMalibongwe Mtima, ukungqinile ukuba lenkampani u Highpana Projects, yawuqhawula umtshato wesivumelwano sokusebenza ngenxa yokuhlawulwa kade lisebe.

Funda inqaku elipheleleyo lipapashwe ngaba kwa Ground Up

https://www.groundup.org.za/article/willowvale-graveyard-failed-and-stalled-government-projects/ .