April 20, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

Ulishiyile eli utat’ uNgumbela!

1 min read

Dutywa – Sibuhlungu ukunazisa ukuba omnye woosomashishini abantsundu abankqenkqeza phambili eMpuma Koloni, utata uMthetheleli Ngumbela, ulishiyile eli emva kokugaxeleka kwingozi yemoto izolo. Usapho likungqinile oku. Iinkcukacha ezithe vetshe zakulandela.

UNgumbela nakumazi ngamashishini wakhe kooGcuwa, Dutywa, Monti, Bhofolo, ukukhankanya nje iindawo ezimbalwa…
Ebekwanguye nomthandi wezemidlalo, ingakumbi iqakamba nebhola ekhatywayo. Emva kokudinwa kukulinda urhulumente waqala ukuzakhela awakhe amabala ezemidlalo kwiindawo ngeendawo. Kukho nela nala lakhe lase Dutywa ludume ngezaziso zakhe ezithi “Asimanga rhulumente, siyaqhuba” nezinye. Ulishiye eli esakhalela I R11-Million eye yaphela emehlweni emva kokuba kuthiwe uzakulungisa eli Bala lakhe laseDutywa.
Thina sikhule sikhule sidlala iqakamba kwiiNgumbela’s Mini Cricket kooGcuwa, nto esingathi yasindisa ulutsha oluninzi pha kwiminyaka yoo1990.
Pumla Tata! Usebenzile kwaye umzila wakho iyakuhlala uhleli. #RIPNgumbela
Elinqaku lipapashwe liphephandaba: Iphepha Lam