Ichongwe kwi ECMAS imvumi yaku Gatyana – uMphozisi

Gatyana – Imvumi yomculo we Afro-Soul uMphozisi Qalekiso , noyinzalelwane yelali yase Mevana ku Gatyana phantsi ko Masipala wase Mbhashe uchongwe isidlandlo sesibini kwi mbasa zaseMpuma Kapa ezibizwa Eastern Cape Music Awards (ECMAS).

Elityendyana lakwa Qalekiso lithi lawuqala umculo ngethuba lalicula ngasemva (backing vocalist) nemvumi ze gospile uBunono kwakunye no Anathi Mxokwana kwiminyaka eyadlulayo.

UMphozisi uthi uyenye yeemvumi ebezisoloko zintyiloza kwi Tenza Beach Festival esoloko ibanjwa rhoqo ngo Disemba ku Gatyana.

Lo ka Qalekiso ulebele ngelithi ucela uluntu ukuba lumxhase lumvotele kumanqanaba amabini achongwekuwo angala alandelayo: Best AfroPop and Artist of the Year

Xa umvotela ubhala uthi: ECMAS MPHOZISI QALEKISO BEST AFRO POP to 33459

Okanye ECMAS MPHOZISI QALEKISO ARTIST OF THE YEAR to 33459

Ngolwesine umhla we 14 Oktobha uzakube enodliwanondlebe kwisikhululo uMhlobo Wenene FM kwinkqubo yangenjikalanga uMasigoduke ngo: 17:10.

Ungaphoswa.

Leave a Reply